





kwindawo yokupaka iimoto enemigangatho emininzi xa sekuhlwile. Kufuneka zisoloko zisezandleni nezitshixo zakho.
22.	Ngaphambi kokuba ungene emotweni yakho ebusuku, jonga ukuba akukho mntu uzimele
kwisihlalo esingemva na.
23.	Xa ukrokra ukuba kukho izikrelemnqa ezikulandelayo ebusuku, yiya kwindawo exakekileyo nekhanyayo njengesikhuiulo samapolisa, isibhedlele okanye iziko labacimi-mlilo, uyocela uncedo.
24.	Xa use umhlobo ekhaya ebusuku, mlinde angene endlwini akhanyise. Nawe xa uzisiwe, cela
ulindwe de ungene endlwini.
25.	Jonga ioyile namanzi rhoqo, imoto yakho iseviswe ukuze ungazibeki esichengeni
sokophukelwa yimoto kwanti zitshile ebusuku.
26.	Xa uhamba ngezithuthi zikawonke-wonke ebusuku, hlala kufutshane nomqhubi okanye nomnyango. Ungahlali kwiqegu likaloliwe engenamntu. Yibasoloko uhlala nabanye abantu.
27.	Qinisekisa ukuba unoluhlu Iweenombolo zamakhadi akho amatyala nawemali neenombolo zomnxeba anokutsalela kuzo xa ethe alahleka. Xa ukhawuleza kuya kuba nzima kwisela ukuba idyakaze ngamakhadi akho.
28.	Ziphathele eyakho ialam yokugxotha abaphangi. lmpempe ekhala kakhulu iya kumothusa
umphangi uze ufumane ixesha Iokubaleka.
29.	Xa uhamba bonakalisa ukuzithemba nokuzazi apho ukhoyo - nkqu nokuba ulahlekile. Ungazenzi
ixhoba ngokubonakalisa ukuba uyoyika.
30.	Xa ungayithandi ncam inkangeleko yothile okanye ukrokrela ukuba uyalandelwa, nqumla
indlela, uqinisiinyawo.
31.	Xa ubuhambile, zama ukungabuyi ebusuku. Harnba kwiindlela ezikhanyayo. Unganqweneli ukuhamba ngeendlela ezinqumlayo okanye kwizitrato ezingenamntu. 32. Ibhegi yakho yiphathe indawo evulwa kuyo ijonge ngakuwe uzo usoloko ubeke isandla kuyo.
33.	Xa uphethe ibhegi exwaywayo, yixwaye ijingele ngaphambili. Oko kuya kwenza kubenzima
ukuyixhwila.
34.	Ungaphathi imali ongazukuyisebenzisa. Xa kufuneka uphathe imali eninzi, yifihle apho kunzima
ukuyifumana.
35.	Xa uvela kuthenga ungaphathi izinto ezininzi iie ibhegi yakho ibe sisisulu esijinga-jinga njee.
36.	Ungayifaki kwinqwelo yokuthwala impahla evenkileni ibhegi yakho. Unokuthi usithi phuku ibe
ingasabonwa nangetshengele.
37.	Kwindlu yangasese kawonke-wonke, xhoma ibhegi yakho emva kocango, ungayibeki phantsi kuba isenokutsalwa ngumntu okwindlu yangasese esecaleni kokuyo.
38.	Kumagunjana okulinganisa impahla evenkileni, gcina ibhegi yakho ikufutshane nawe xa ulinganisa impahla uze uhambe nayo xa kufuneka uye kuzijonga esipilini.
39.	Xa usiya apho kukho abantu abaninzi, emdlalweni okanye elwandle, mazibe mbalwa izinto ezikwibhegi yakho. Phatha izinto oza kuzisebenzisa kuphela.
40.	Zama ukulumka ngalo lonk ixesha ungaphazanyiswa nto, unokuphangwa nakweyona
ndawo ixakekileyo.
41.	Funda ukuyikhumbula kakuhle into oyibonileyo. Qwalasela xa ubona kuphangwa okanye kuqhekezwa yaye uzifundise ukuziqaphela iimpawu zomphangi, impahla ayinxibileyo, njalonjalo. Unokuba luncedo emapoliseni ekubambeni eso sikrelemnqa. 




























UPretty ZikaIala uzuze  ifanitsha!a yendlu yonke kwaElIerines ekunye noDave Lazurus oyiMarketing Manager yakwaEllerines xa eGauteng bekubhiyozelwa ama-40 eminyaka iBona ikho, apha ebevuyisana noPretty kuba ephumelele, uye wamchazela ukuba ifanitshala baza kuyidiliva nini amzini wakhe.
SIYABULELA ELLERINES/



Ukhuphiswano IweEllerines Furniture Fiesta luthabathe iinyanga ezintandathu kulo nyaka. Nina bafundi nithe nyanga zonke nalu-ngenela nazizuzela amabhaso ahlukeneyo. Kwinyanga nganye, besifumana amangenelo akwisithuba sama-12 OOO nama-l 5 000 kwaye abe ngama-85 000 ewonke!

Bangamashumi amathathu abafundi beBona ababe nethamsanqa Iokuphumelela iibedroom suite, iilounge suite, iidining room suite, ikitchen units, izitovu neefriji,

Kuye kwalandela ukhuphiswano OLUKHULU ngoAgasti, apho ubuzuza ifenitshala yendlu yonke! Ngamawaka-waka abafundi abalu-ngeneleyo olu khuphiswano baza balinda ngethemba...
Sineqhayiya ukwazisa ukuba oluphumeleleyo ibe nguPretty Zikalala waseGauteng!

UPretty ngumfundi othembakeleyo weBona kwaye ukhumbula ngethuba esayithenga nge-25c kuphela iBona rhoqo ngenyanga! Uvuyiswe kakhulu kukuba amenyelwe kwimi-bhiyozo yomhla wokuzalwa kweBona ebiseGauteng, nalapho uDave Lazarus, onguMlawuli weNtengiso kwaEllerines, ebekho ezovuyisana
naye ngokuphumelela ezokwenza namalungiselelo okumsela impahla yakhe ekhayeni lakhe!


Uqhube kakuhle uPretty, nabanye abaphumeleleyo - siyathemba ukuba abakwaEllerines baza kuphinde bayixhase iBona kolunye ukhuphiswano olungayiwayo. Hlalani nifunda iBona ukuze nive ngolunye ukhuphiswano abaza kuluxhasa kungekudala!







Kweli thuba Iemibhiyozo phucula ubuhle bakho bendalo ngokuncedwa ludidi Iweemveliso zokunonophela iinwele iTCB Naturals
kwanezithambiso	iiAvroy Shlain Spring Colour Spectacular.




BONA XHOSA - December 1 996 75




ubuhle
bendalo

IINWELE
linwele ezintle zezisempilweni nezinganquntekiyo kwaye iiTCB Naturals zinezithako zendalo ezingaxutywanga ezifumisayo, zicoce yaye zikhondishine ukukunceda unonophele iinwele zakho ngokwendlela yendalo usemzin akho.

U-Eiizabeth urilekse iinwele zakhe ezinde esebenzisa iTCB Natutals No Base Creme Relaxer, kodwa sekunjalo ufune anokukusebenzisa rhoqo ekhaya ukuze aphucule ubuhle bendalo beenwele zakhe esemzin' akhe. Unokukwenza oku esemzin' akhe ngodidi lweemveliso zokunonophela iinwete iTCB Naturals.

Nantsi inkqubo yokunonophela iinwele yenyathelo ngenyathelo usemzin'akho
:
1. Sebenzisa iTCB Naturals Neutralising Shampoo ukushenxisa amachiza
okurileksa.
2. Zithambisise ngamanzi angenasepha, sebenzisa kwakhona iTCB Natural Detangting Shampoo.
3. Zithambisise ngamanzi angenasepha, zosule zome ngetawuli. Sebenzisa  iTCB Naturals Protein Conditioner. Oku kuya kunceda ekubangeleni iinwele zikhuIe zibe nde zinganqunteki. Ziyeke imizuzu emithathu, zihlambisise ngamanzi adikidiki angenasepha, zimbambathe ngetawuli zome.
4. Thambisa iTCB Naturals Hair Food ifike entlonzeni, ngobunono yithambise ezinweleni. Oku kuyondla ngokwendalo intlonze eyomileyo neenwele. Hair Food kufuneka isetyenziswe mihla le.
5. Yenza isimbo seenwele osifunayo.

lAKE-UP
Kweli hlobo ifashoni itsho ngemibala-bala. lmibala epastle pink neluhlaza bethetela inkangeleko ethambileyo yabasetyhini, ize imibala eluhlaza yaka neorenji inike impahla inkangeleko entsha enik umdla. Udidi lweAvroy Shlain lunekhrim ekunokuqalwa ngazo nekunokugqityelwa ngazo nezinemibala emitsha emibini elungiselelwe ulusu olumnyama - ngumbala oCaramel noFudge. l-Oil Free Foundations zineSin Protection Factor of 8, ziye zavavanyelwa ulusu olunengxaki yokunyinyitheka. Zikwenza ube nolusu olugudileyo nalunenkangeleko yendalo. Kulusu lukaElizabeth sisebenzise iCaramel Foundation.

I-Avroy Shlain Cover Creams zilungele ukugquma naziphi na iziphako zolusu. Sebenzisa icover cream kwiziphako zolusu wakugqiba ukucoca ufumise ulusu lwakho naphambi kokuthambisa iAvroy ShIain Foundation.

l-Avroy Shlains Colour Look inikwe eli gama kuba yayithandwa
ukusetyenziswa kwidolophu yaseHollywood eyindawo yeentshatsheli

lStarstruck Eye Trio inentlobo ezintathu zemibala eqatywa ezinkopheni
zamehlo - oMoonshine, ostarlight Pink noPassionate Lilac - yiyo
esiyiqabe ezinkopheni saza sayixuba ukwenzola inkangeleko entle.

Sikhethe nombala iHollywood Pink Lipstick nombala weenzipho ofana nawo ukwenzela uElizabeth. Kwakudidi lweCasablanca Coral - umbala opinki wemilebe neenzipho.

Ubuhle bendalo beenwele obenziwa ziimveliso zeTCB Naturals zixutywe
oeAvroy Shlain Spririg Colour Spectacular - ngumbala opheleleyo
wenkangeleko yeli xesha lemibhiyozo!

ukuze ufumana inkcazelo ethe vetshe ngeemveliso zakwaAvroy Shlain,
qhagamshelana noStef Wahl (011) 2338355.










UHelen Pinky Nkosi waseClydesdale unqwene!a ukwenza izifundo zeHuman Resources Management. Uthanda ukufunda ngokubanzi ngokuziphatha kwabantu nangendlela abazamkela ngayo izinto emisebenzini

UThabile waseGugulethu eKapa unqwenela ukwenza izifundo kwiBeauty Care avu!e iskin care salon ngenye imini. Uthi abantu basebenza ngendle!a eyahlukileyo xa bebahle. Enye into ayinqwenelayo kukuvula indawo yokwenza umthambo kwiloklshi ahlala kuyo.





UPhumla Faith Magwaza waseWestonaria uyathanda ukunceda u!untu Iwakhe, kwaye kuda!a enqwenela ukuba ngumongikazi. Uza kuqala aphumelele ibanga leshumi.









UTheo Moimane uthi umnqweno nokuzingisa kwakhe kuya kumenza ukuba awufeze umnqweno wakhe wokuzivulela ishishini elilelakhe. Uyimadeli eqeqeshiweyo kwaye uhlala eAtteridgeville kanti kungokunje wenza izifundo zeBeauty Care eIntec kwaye ufuna ukuhlabela mgama ngezeSma!l Business Management.
NABA ABALISHUMI ABAFIKELELE KUMANQAM
Angama-25 amanenekazi
akhethwe kumawaka-waka
amangenelo
esiwafumeneyo kolu
khuphiswano lunomdla
kwaye emnye kubo
uphumelele ukwenza
izifundo azithandayo e-lntec
College. Abalishumi
abafikelele kumanqam
bachongwe ngabagwebi
njengamaNenekazi
Aqaqambileyo Esihlweleni.
Baza kusiwa ejohannesburg ngenqwelomoya bahlaliswe kwihotele yodidi oluphezulu - zonke iindleko ziza kuhlawulwa
ngabaxhasi. La manenekazi
allshumi aza kubuzwa
imibuzo ngabagwebi avele
nakwinkqubo i-
Eduspectrum. Ukoleka,
baza kulungiswa ubuso xa
beyokuzimasa itheko eliza
kuba sebusuku.
Siyavuyisana
nabaphumeleleyo
sibanqwenelela impumelelo
kwimisebenzi abaza
kuyenza ngomso.
74 BONA XHOSA - December 1996

	78 BONA XHOSA - December 1996

